[('xh.input.test.jpg', ['NGUWO, NGUWO, NGUMTSHATO! 3;;\nkwakunye nabakhaphi babo abangamangqina, kuba kaloku eyakwa-\nRhulumente into isoloko ifuna ingqina ukulungiselela umhla wemba-\nmbano. Lo gama babhalayo abatshati itsho ngoncuthu lwengoma impi\nyecala lomyeni, yaya yeetya. Iyithathile kwa oko eyakulomtshakazi, na-\nyo yatsho ngengoma ehlwabisayo. Ibe yiloo njikenjike ke kukhutshi-\nswana bada bagqiba ukubhala kwaphunywa. Uthe owakulomnyeni,\n"Sibakhuphile." Kwathi kuba bekungekho mgwebi yaphelela apho leyo.\n\nKuthe kuphunywa ecaweni yabe isisiwiliwili sengoma ilelo icala li-\nvuma eyalo, kuhlwayelwa zi²\'rice" kuphephezela zikonfeyiti. Bakhwela\nemotweni abatshati bayakuma esangweni kwaNsele. Uhle wafika um-\nndilili, yaba kwaseso siwiliwili sengoma, ekhwaza owasemaHlubini\nesithi, "Hlamblamehlo uze kubona ukuzala kwamaHlubi! Wakha wasi-\nbona na isimanga umntu omnyama etshata nomlungukazi?" Phofu\nkwakukho nobunyaniso kule ntetho kuba wawungathi usakuphosa a-\nmehlo kuloo ntombi, ufike ilubhelukazi olumanz\'andonga. Bathe ukunya-\nthela kancinane abatshati nabakhaphi ebaleni, baza kuthi thinte en-\nkundleni ngasebuhlanti apho kwakuhleli iingwevu zalapha. Kuye\nkwathethwa amazwana kwabulelwa ezi tafile ziza kutyiwa namhlanje.\nEmva kombulelo basukile abatshati baya kungena endlwini enkulu apho\nitafile yayizele zizimuncumuncu, oni noni. Ulutsha luzithathile izonkana\nzomtshato ezaziphahle esikhulu ladlalisa ngazo phandle kwangokhuphi-\nswano olungenamgwebi.\n\nEmva kwetafile yokuqala baphumile abatshati baya ngeendawo zabo,\nzabe ziqhutywa njalo izidlo. Kuthe emva kwesidlo sasemini baphuma\nokwesibini abatshati sebenxibe ezihobe ezifanayo, kwacaca ukuba aba\nbantu kudala bevana nangesinxibo sale mini. Ibe kwasisiwiliwili se-\nngoma umntu washiya ipleyiti yakhe etafileni. Bathe ukunyathela kan-\ncinane batsho emotweni abatshati wayiqhuba ngokwakhe umyeni baya\nkutsho apho kuphela umoya. Babuye xa lithi ndithenge, kwaba sekuqo-\nkelelwa abantu endlwini enkulu ukuba kuyalwe. Bayiyala abakwaNsele\nintombi yabo beyinikezela kubakhozi, ethethe usontombi kwabonakala\nukuba uzibambe ngeenkophe. Uphakame wabulela unozakuzaku aka-\nyala kuba baya kuzifikisela ekhaya. Lo gama kuyalwayo abafana baya-\nlayisha impahla yomtshakazi neyokwambesa.\n\nZinduluke kwa oko iimoto zenze uludwe oluhle sekudibene nezakulo-\nmtshakazi, yekoko ukuya kutshonela enkalweni, zaya kungena kwaTsa-\npho ngolwemivundla. Ibe kwasesinye isiwiliwili ukufika koduli, wava-\nkala umfazi esitsho ngelimpongampo, "Hala-a-a-la! Kuyatshatwa kwa-\nMhlangamvula!" Zikhokelwe ezakulomtshakazi iimoto zasiwa kumzi\nokufuphi apho uduli lwalulungiselelwe khona. Nalapha kwaTsapho\n'])]